1 Chronicles 1:43 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naba bangokumkani abapata ubukosi elizweni le‐Edome, kungekabiko ukumkani opata ubukosi pezu kwosapo luka‐Sirayeli: u‐Bela, unyana ka‐Behori; negama lesixeko sake laliyi‐Dinaba.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngabo aba ookumkani ababelawula ezweni lakwaEdom, kungekabikho kumkani ubelawula oonyana bakaSirayeli; nguBhela unyana kaBhehore; igama lomzi wakhe liyiDinabha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngabo aba ookumkani ababelawula ezweni lakwaEdom, kungekabikho kumkani ubelawula oonyana bakaSirayeli; uBhela, unyana kaBhehore, igama lomzi wakhe yiDinabha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Naba ookumkani ababelawula ezweni lakwaEdom phambi kokuba kwaSirayeli kubekho ukumkani olawulayo: NguBhela unyana kaBhehore, okomkhulu laliyiDinabha.