1 Chronicles 1:46 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wafa u‐Hushame, waza waba ngukumkani esikundleni sake u‐Hadade, unyana ka‐Bedade, owabeta ama‐Midiyane ezindleni zase‐Mowabi; negama lesixeko sake laliyi‐Haviti.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wafa uHusham; uHadadi unyana kaBhedadi, owaxabela amaMidiyan emhlabeni wakwaMowabhi, waba ngukumkani esikhundleni sakhe; igama lomzi wakhe beliyiAviti.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wafa uHusam, waba ngukumkani uHadadi, unyana kaBhedadi, owawabulalayo amaMidiyan ezweni lakwaMowabhi; yaye igama lomzi wakhe laliyiAwiti.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akufa uHusham kwangena esikhundleni sakhe uHadadi unyana kaBhedadi, owawachitha edabini amaMidiyan kwelamaMowabhi, okomkhulu laliyiHaviti.