1 Chronicles 10:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU ama‐Filistiya alwa no‐Sirayeli; aza amadoda akwa‐Sirayeli esaba pambi kwama‐Filistiya, awa ehlatyiwe entabeni ye‐Giliboha.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku amaFilisti alwa namaSirayeli; asaba amadoda akwaSirayeli phambi kwamaFilisti, awa engxwelerhiwe ezintabeni zaseGilibhowa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwasilwa amaFilisti namaSirayeli; yaye amadoda akwaSirayeli asaba phambi kwamaFilisti aza awela ebulewe ezintabeni zaseGilibhowa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Aqubisana amaFilistiya namaSirayeli, aswantsuliswa amaSirayeli, kwawa inkitha yawo kuloo ntaba iGilibhowa.