1 Chronicles 10:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo wabuba u‐Saule ngesigqito sake wagqita ngaso ngakuye uyehova, ngakulo ilizwi likayehova, elo abengaligcinanga; nangokuba wacebisana nomshologu, kuze kubuzwe kuwo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wafa ke uSawule ngokumeneza kwakhe, awameneza ngako kuYehova, ezwini likaYehova angaligcinanga; kwanangokubuzisa kwakhe koneshologu, ngokuquqela kuye,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wafa ke uSawule ngenxa yokuvukela kwakhe uYehova, enxamnye nelizwi likaYehova angaligcinanga, nangenxa yokuba wacela icebiso kumntu onomoya owaziwayo owathi wambuza;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
USawule lo ke wafa kuba esuke akathembeka *kuNdikhoyo. Akazange alithobele ilizwi likaNdikhoyo, wada waya kubuzisa nakoosiyazi, efuna isikhokelo,