1 Chronicles 10:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ati akubona onke amadoda akwa‐Sirayeli abesemhlanjeni, ukuba esabile, nokuba u‐Saule nonyana bake bafile, andula ashiya izixeko zawo, esaba nawo; ati ama‐Filistiya eza ahlala kuzo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Athi onke amadoda akwaSirayeli abesentilini leyo, akubona ukuba kusatyiwe, ukuba ufile uSawule noonyana bakhe, ayilahla imizi yawo, asaba; eza ke amaFilisti, ahlala kuyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Athi onke amadoda akwaSirayeli abesentilini yoMnayile, abona ukuba asabile, ukuba ufile uSawule noonyana bakhe, ayishiya imizi yawo, asaba; namaFilisti aya kwakha kuyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaSirayeli onke angaphesheya kwentili athi akubona ukuba umkhosi uswantsulisiwe, nokuba uSawule kunye noonyana bakhe bawile, ashiya iidolopu zawo, abhaca. Afika amaFilistiya, ahlala kwezo dolophu zawo.