1 Chronicles 10:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aza amhluba ke, atabata intloko yake, nezixo̔bo zake, atumela elizweni lama‐Filistiya elingqongayo, ukushumayela kwizitixo zawo nasebantwini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ambhunyula, ayisusa intloko yakhe neentonga zakhe, athumela ezweni lamaFilisti ngeenxa zonke, ukuba aluxele olu daba lumnandi kwizithixo zabo nasebantwini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva kokuba amhlube, athabatha intloko yakhe nezikrweqe zakhe aza athumela kwilizwe lamaFilisti ngeenxa zonke ukuba axele imifanekiso yawo eqingqiweyo nasebantwini ezo ndaba.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amkhulula izixhobo zakhe zemfazwe uSawule, athatha intloko yakhe nezixhobo zakhe, athumela izigidimi kulo lonke elamaFilistiya, ukuba ziye kuvakalisa iindaba zoloyiso *koothixo bawo nakubantu bawo.