1 Chronicles 11:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ZIZO ezi intloko zamagoṙa abenawo u‐Davide, abezomelezela yena ebukumkanini bake, kunye no‐Sirayeli bonke, ukumenza ukumkani, njengelizwi likayehova pezu kwo‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zizo ezi iintloko zamagorha abekuDavide, esomelezana naye ebukumkanini bakhe kunye namaSirayeli onke, ukuba amenze ukumkani, ngokwelizwi likaYehova kumaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zizo ezi iintloko zamagorha awayekunye nawo uDavide, awamomelezayo ebukumkanini bakhe noSirayeli wonke ukuba amenze ukumkani, ngokwelizwi likaYehova ngokuphathelele uSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nazi iintloko zamagorha omkhosi kaDavide. Wona ke ekunye namaSirayeli ephela awuxhasa awomeleza umbuso wakhe wada wanabela kulo lonke elo lizwe ngokwesithembiso *sikaNdikhoyo.