1 Chronicles 11:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yena wabeko no‐Davide e‐Pase‐damime, akuhlanganiselwa kona ama‐Filistiya ukulwa, apo bekuko kona isahlulo somhlaba sizele yiṙalasi; baza abantu besaba pambi kwama‐Filistiya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yena wayenoDavide ePas-damim; amaFilisti ayebuthelene khona ukuba alwe. Kwakukho khona isiqwenga somhlaba, sinerhasi ichumile; basaba abantu ebusweni bamaFilisti.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yena wayenoDavide ePas-damim, yaye amaFilisti ayehlanganisene khona ukuze alwe, apho intsimi yayizele yirhasi; basaba abantu phambi kwamaFilisti.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yena wayekunye noDavide ePasi-damimi mhla ngedabi, amaFilistiya ehlanganisene khona. Ndaweni ithile apho kwakukho intsimi ezele yirhasi, umkhosi waswantsuliswa ngamaFilistiya.