1 Chronicles 11:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wati: Ubunzima mabube kum buvela kutixo wam, ukuba ndiyenza lento! igazi lalamadoda ndiya kuwasela na, abehamba ngokuncama ubomi bawo? ngokuba ngokuncama ubomi bawo ewazisile: ngako ebengavumi ukuwasela. Ezizinto azenza lawomagoṙa matatu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wathi, Makube lee kum, Thixo wam, ukwenza oko. Igazi lala madoda, eliyimiphefumlo yawo, ndolisela yini na? ngokuba awazisa encame imiphefumlo yawo. Akavuma ke ukuwasela. Enza ezo zinto amagorha lawo mathathu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Akayi kuyenza le nto uThixo wam; Ndiya kulisela na igazi lala madoda abubeke esichengeni ubomi bawo? ngokuba babazisile ngokubeka ubomi babo esichengeni. Yiyo loo nto wayengafuni ukuyisela. Ezi zinto zintathu bazenza ngamandla amakhulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Hayi khona, uThixo makandithintele; soze ndiyenze into enjalo! Ndingaba ndisela igazi lala madoda awakhe ngokubeka ubomi bawo esichengeni sokufa. Ewe, ngokuhamba aye kuwakha aphinde abuye nawo, abubeke esichengeni ubomi bawo.” UDavide wala ukuwasela loo manzi. Zazinjalo ke izigigaba zaloo magorha mathathu.