1 Chronicles 11:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako kwa ngapambili, xeshekweni u‐Saule abesengukumkani, ebenguwe owapumisa nowangenisa o‐Sirayeli; kanjalo uyehova, utixo wako, wati kuwe: Wena uya kwalusa abantu bam o‐Sirayeli, wauya kuba yinkosi pezu kwabo abantu bam o‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kwangaphambili, oko uSawule ebengukumkani, ibinguwe obuphuma ungena namaSirayeli; wathi uYehova uThixo wakho kuwe, Wena uya kubalusa abantu bam amaSirayeli; wena uya kuba yinganga yabantu bam amaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwakudala, oko uSawule ebengukumkani, ibinguwe ububakhupha oonyana bakaSirayeli, ubangenise;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Phambili phaya, ngokuya uSawule ebesengukumkani, amaSirayeli ayekhokelwa nguwe xa aya emfazweni. *UNdikhoyo uThixo wakho wathi kuwe: ‘Wena uya kuba ngumalusi wabantu bam amaSirayeli, ube ngumlawuli wabo.’ ”