1 Chronicles 11:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo u‐Abishai, umninawe ka‐Jowabi, ebeyintloko yabatatu: yena wavivinya intshuntshe yake ngakuwo amakulu matatu abahlatyiweyo nguye, waza wanegama pakati kwabatatu abo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UAbhishayi, umninawa kaYowabhi, yena waye eyintloko yamathathu. Yena wathi rhuthu intshuntshe yakhe kumakhulu amathathu, wabinza. Waba negama ke kulawo mathathu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uAbhishayi, umninawa kaYowabhi, waye eyintloko yabathathu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UAbhishayi umntakwabo-Jowabhi yayinguye inkokheli yamashumi amathathu amagorha. Yena ngomkhonto wakhe walwa namadoda angamakhulu amathathu wawabulala, watsho wabalasela njengaloo magorha mathathu.