1 Chronicles 11:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
U‐Benaya, unyana ka‐Yoyada, unyana wendoda ebuṙoti, obemkulu, ngezenzo, owase‐Kabetsele, yena wabulala amadoda mabini abungonyamaṙa ase‐Mowabi: kanjako wehla wabulala ingonyama pakati kwomnxuma ngomhla wengqele:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UBhenaya unyana kaYoyada, unyana wendoda enobukroti yaseKabhetseli, ezenzo zininzi, yena wabulala iingwanyalala ezimbini zakwaMowabhi; yena wehla, wabulala ingonyama emhadini phakathi, mhla ngekhephu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
NguBhenaya, unyana kaYehoyada, unyana wendoda enobukroti yaseKabhetseli, ewenza imisebenzi emininzi; wabulala iingonyama ezimbini zakwaMowabhi; wabuya wehla, wayibulala ingonyama emhadini, kungekho khephu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Enye indoda eyayitshatshele ngemisebenzi yobugorha nguBhenaya unyana kaJoyada waseKabhezeli. Yena wabulala iintshatsheli zamaMowabhi ezimbini. Kwakhona ngemini ekwakukhithika ngayo waya kungena emhadini, wabulala khona ingonyama.