1 Chronicles 11:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Pakati kwabo abamashumi matatu, bona ke, ebebekekile; kodwa akafikelela kwabatatu bokuqala. Wati u‐Davide wammisa pezu kwomlisela wake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabona, wayezukile yena kunamashumi amathathu lawo; kodwa akafika kwamathathu lawa. UDavide wammisa ephakathini lakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ubebekekile yena phakathi kwamashumi amathathu lawo, kodwa akafikanga kwabathathu bokuqala; uDavide wammisa phezu kwabalindi bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wayebalasele phakathi kwaloo magorha angamashumi amathathu, kodwa wayengabandakanywanga kuloo magorha mathathu. UDavide wamenza inkokheli yabalindi bokumkani.