1 Chronicles 12:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Davide wapumela pambi kwabo, wateta, wati kubo: Ukuba nize ngoxolo kum, ukuze nindincede, intliziyo yam yoba nye neyenu; kodwa ukuba nize ukundikila ezintshabeni zam, kungeko ubudlwengu nje esandleni sam, makabone utixo wobawo betu, ohlwaye ke!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphuma uDavide, waya kubakhawulela, wathi kubo, Ukuba niza kum ninoxolo, ukuba nindincede, intliziyo yam yoba nye neyenu; ke ukuba nize kundikhohlisa, nindinikele kubabandezeli bam, kungekho lugonyamelo esandleni sam, wobona uThixo woobawo bethu, ohlwaye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphuma uDavide, waya kubakhawulela, wathi kubo, Ukuba niza kum ninoxolo, ukuba nindincede, intliziyo yam yonamathela kuni; yaye ukuba uthe weza kundihlangula ezintshabeni zam, kungekho siphoso esandleni sam, uTHIXO wookhokho bethu, yaye uya kukhalimela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide waphuma wawahlangabeza, wathi kuwo: “Ukuba ngaba nize ngoxolo apha kum, ngenjongo yokundincedisa, ndiyanamkela, singamanyana. Kambe ke, ukuba kuthe kanti nize ngeenjongo zokundintama ezintshabeni zam, ngoku ndingasenanxa namntu, ngamana anganibona uThixo woobawo, anibuyekeze.”