1 Chronicles 12:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza umoya wangena ku‐Hamasai, intloko yenjengele, owati: Singabako. Davide! sikunye nawe, nyana ka‐Jese! uxolo, uxolo malube kuwe, uxolo malube nakubancedi bako; ngokuba utixo wako ekunceda. Wandula u‐Davide wabamkela, wababeka pakati kwentloko zebandla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Umoya wamthi gqubuthu uAmasayi, intloko yabaphathi-mikhosi, wathi, Singabakho, Davide; singakuwe, nyana kaYese. Uxolo, uxolo lube kuwe, uxolo lube kubancedi bakho;ngokuba uya kunceda uThixo wakho. Wabamkela ke uDavide, wabamisa baziintloko zamaqela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umoya wamfikela uAmasayi, umthetheli wabathetheli, wathi, Singakuwe, Davide, singakuwe, nyana kaYese; uxolo, uxolo malube nani, uxolo malube nani nabancedi bakho; ngokuba uThixo wakho uyakunceda. Emva koko uDavide wabamkela waza wabenza iinkokeli zelo qela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uMoya wehla phezu koAmasayi ingqwayi-ngqwayi yaloo mashumi mathathu, waza wathi: “Thina singabakho, Davide! Singabakho, mfo kaJese! Makube yimpumelelo kuwe, baphumelele nabo bakuxhasayo, kuba uThixo wakho uza kukunceda!” Ngoko ke uDavide wawamkela, wawenza iingqwayi-ngqwayi zamabutho okuhlasela.