1 Chronicles 12:32 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakubo onyana baka‐Yisakare, abo bakwaziyo ukuqiqa amaxesha, ukuba bayiqonde into bange beyenza o‐Sirayeli, abazintloko zabo bebengamakulu mabini; bati bonke abazalwana babo benza ngelizwi labo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Koonyana bakaIsakare, abawaziyo abawaqondayo amaxesha, ukwazela ange ekwenza amaSirayeli, babengamakhulu amabini, iintloko zabo. Bonke abazalwana babo benza ngokomlomo wabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Koonyana bakaIsakare, abawaziyo abawaqondayo amaxesha, ukuba bayakwazi abaya kukwenza oonyana bakaSirayeli; iintloko zabo ibingamakhulu amabini; yaye bonke abazalwana babo babelawulwa ngabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
awakwaIsakare, izinto ezaziwaqonda amaxesha, ziyazi into afanele ukuyenza uSirayeli, yayiziinkokheli ezimakhulu mabini, zikunye nezizalwana zazo ezaziphantsi kolawulo lwazo;