1 Chronicles 12:38 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ati onke lamadoda okulwa, ehlanganisene ngamabandla, eza ngentliziyo ekolisekileyo e‐Hebrone, ukuba amenze u‐Davide ukumkani pezu kwo‐Sirayeli bonke: kanjalo sonke isisalela so‐Sirayeli sasiyintliziyo nye naso ukwenza u‐Davide ukumkani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Onke loo madoda okulwa ahlohla uluhlu, aya enentliziyo ephelelisekileyo eHebron, ukuba amenze ukumkani uDavide kumaSirayeli onke. Kananjalo namanye amaSirayeli onke ayenantliziyo-nye yokumenza ukumkani uDavide.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Onke la magorha alungelelanisa umkhosi eza eHebron enentliziyo epheleleyo ukuze amisele uDavide ukumkani wakwaSirayeli wonke; avuma onke amaSirayeli ukumenza ukumkani uDavide.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Onke la yayingamajoni azinikelayo ukuze angene emabuthweni. Wona aya eHebron ezimisele ukuba uDavide amenze ukumkani phezu kwakhe ewonke uSirayeli. Ewe, amaSirayeli xa ewonke jikelele ayemoya mnye wokuba uDavide abe ngukumkani wawo.