1 Chronicles 12:40 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako abo abebekufupi nawo, kwada kwase‐Yisakare, ne‐Zebulone, ne‐Nefatali, bazisa isonka pezu kwamaqwaṙashe, napezu kwenkamela, napezu kwamaqwaṙaṙa, napezu kwenkabi, ukutya kwomgubo, amasimba amakiwane, nezipa zedreyive ezishwenyileyo, neveyine, neoli, nenkabi, negusha ngento eninzi: ngokuba bekuko uvuyo kwa‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kananjalo abakufuphi nabo, kwada kwesa kwaIsakare, nakwaZebhulon, nakwaNafetali, bazisa izonka ngamaesile, nangeenkamela, nangoondlebende, nangamaqegu, ukudla okungumgubo, nezicumba zamakhiwane nezeerasintyisi, newayini, neoli, neenkomo, nempahla emfutshane, into eninzi; ngokuba bekuvuywa kwaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaphezu koko, abo babesondele kubo, ukuya kufikelela kwaIsakare nakwaZebhulon nakwaNafetali bezisa isonka ngeedonki neenkamela neemeyile neenkomo nenyama, umgubo, amaqebengwana amakhiwane nezirasentyisi ezininzi newayini neoli neenkomo nemfuyo ngokuba kwabakho uvuyo kwaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku noogxa bawo ababevela kwaIsakare, kwaZebhulon, nakwaNafetali, beza nokutya, bekuthwele ngeedonki, iinkamela, iimeyile, neenkabi zeenkomo. Ukutya kwakudlal' abantwana: umgubo wengqolowa, amaqebengwane amakhiwane naweerasentyisi, iwayini, amafutha omnquma, iinkomo, neegusha. Kaloku yayiyimincili kwaSirayeli.