1 Chronicles 13:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wasuka waqumba u‐Davide ngokokuba uyehova ebenzile isityobozelo pezu kwo‐Huza; ngako wayibiza londawo ngokuti yi‐Peretse‐huza, kude kwanamhla nje.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwavutha umsindo kuDavide, ngokuba uYehova emtyhobozele ngotyhobozo u-Uza; wathi loo ndawo yiPeretse-uza, unanamhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide wavutha ngumsindo ngenxa enokuba uYehova ebemisele u-Uza; ke ngoko, loo ndawo kwathiwa yiPerestsa kude kube namhla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wakhathazeka uDavide, kuba umsindo kaNdikhoyo utyhobozele ku-Uza. Loo ndawo ke kwathiwa yiPereze-uza ukubizwa kwayo unanamhla.