1 Chronicles 13:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Davide kuyo yonke intlanganiso yo‐Sirayeli: Ukuba kunga kulungile kuni, nokuba kuvela kuyehova, utixo wetu, masitume ngamacala onke kubazalwana betu abaseleyo kulo lonke ilizwe lakwa‐Sirayeli, nakunye nabo ku baperisite naba‐Levi abasezixekweni zenqele zabo, ukuba bazihlanganisele kuti;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uDavide kwibandla lonke lakwaSirayeli, Ukuba kulungile kuni, ukuba kuvela kuYehova uThixo wethu, masiphange, sithumele kubazalwana bethu abaseleyo emazweni onke akwaSirayeli, kunye nabo ke sithumele kubabingeleli nabaLevi abasemizini yamadlelo abo, ukuba babuthelane kuthi;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDavide kwibandla lonke lakwaSirayeli, Ukuba kulungile emehlweni enu, ukuba kuthe kwalunga emehlweni enu, kuYehova uThixo wethu, masithumele kubazalwana bethu abaseleyo ezweni lonke lakwaSirayeli, nakubabingeleli kunye nabo nabaLevi emizini yabo nasemadlelweni abo, basihlanganisele ndawonye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kananjalo wabhekisa kwibandla likaSirayeli liphelele, wathi: “Xa nibona kufanelekile, futhi kuyintando *kaNdikhoyo uThixo wethu, masiwagqogqe amawethu kuyo yonke imimandla yakwaSirayeli, singabashiyi ababingeleli nabaLevi abakwalapho kwezo dolophu ngokunjalo nasemaphandleni, bonke mabeze kuzibandakanya nathi.