1 Chronicles 13:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wenyuka u‐Davide, no‐Sirayeli bonke, ukuya e‐Bahala, e‐Kiriyate‐yarime, eyakwa‐Juda, ukunyusa kwa kona ityeya katixo onguyehova, ohlalayo pakati kwekerubime, ogama libizwayo pezu kwayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenyuka uDavide namaSirayeli onke, waya eBhahala, eyiKiriyati-yeharim eyakwaYuda, ukuba ayinyuse apho ityeya kaThixo onguYehova, onguHleli-ezikerubhini, igama lokunqulwa kwakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wenyuka ke uDavide, waya eBhahali: yiKiriyati-yeharim ezweni lakwaYuda, enamaSirayeli onke, ukuba ayithabathe khona ityeya kaThixo uYehova ohleli phezu kweekerubhi, ebizwa ngalo igama lakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide namaSirayeli ewonke waya eBhala kwaJuda (eKiriyati-yarim) ukuze ithathwe khona ityesi kaThixo leyo ibizwa ngegama lakhe uNdikhoyo. Ke yena ungqendeve phakathi *kwezithunywa ezimaphiko.