1 Chronicles 14:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwati kwakunyukelwa e‐Bali‐peratsime, wawabeta kona u‐Davide. Wandula wati u‐Davide: Utixo utyobozele ezintshabeni zam ngesandla sam njengesityobozelo samanzi. Ngako oko kwabizwa igama lalondawo ngokuti yi‐Bali‐peratsime.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Benyuka baya eBhahali-peratsim, wawabulalela khona uDavide. Wathi uDavide, UThixo uzityhobozele iintshaba zam ngesandla sam, njengokutyhoboza kwamanzi; ngenxa yoko bathi igama laloo ndawo yiBhahali-peratsim.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Benyuka baya eBhahali-peratsim; uDavide wawaxabela khona. Wathi uDavide, uThixo uzigqobhozile iintshaba zam; ngenxa yoko bathi loo ndawo yiBhahali-perasima.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waphuma nomkhosi wakhe ke uDavide, waya eBhali-perazim, apho wafika wawoyisa amaFilistiya. Wavakala esithi: “Njengokutyhoboza kwamanzi uThixo wenjenjalo ukuzikhukulisa iintshaba zam ngesandla sam.” Ngoko ke loo ndawo kwathiwa yiBhali-perazim.