1 Chronicles 14:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti, nxa uvayo isandi sokuhanjwa ezincameni zemiti yebaka, wandule ukupuma ukulwa; ngokuba selepumile utixo pambi kwako, ukubeta umkosi wama‐Filistiya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kuthi, ekuveni kwakho isandi sokuhamba emantloko emithi yemibhaka, wandule ukuphuma ulwe; ngokuba uphumile uThixo phambi kwakho, ukuba awuxabele umkhosi wamaFilisti.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa uthe waliva isandi sokuhamba emantloko emithi yequnube, phuma uye kulwa; ngokuba uThixo uphumile phambi kwakho, ukuba awuxabele umkhosi wamaFilisti.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uze uthi nje ukuba uve isingqisho phaya kwiincopho zemithi yebhalsam, uphume ungene kuwo, kuba lowo yoba ngumqondiso wokuba uThixo uhamba phambi kwakho, uza kuwuqwakanisa umkhosi wamaFilistiya.”