1 Chronicles 14:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWATI kwakuviwa ngama‐Filistiya ukuba u‐Davide utanjisiwe abe ngukumkani pezu kwo‐Sirayeli bonke, andula enyuka onke ama‐Filistiya ukuya kumfuna u‐Davide. Waza u‐Davide, akuva oko, wapuma ngakuwo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Athi ke amaFilisti, akuva ukuba uthanjiswe uDavide, waba ngukumkani kumaSirayeli onke, enyuka onke amaFilisti, aya kumfuna uDavide. Weva uDavide, waphuma waya kuwahlangabeza.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Athi akuva amaFilisti ukuba uDavide uthanjiswe waba ngukumkani kumaSirayeli onke, enyuka onke amaFilisti, aya kumfuna uDavide. Weva ke uDavide, waphuma waya kuwakhawulela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zakuvakala kumaFilistiya iindaba zokuba uDavide uthanjiswe waba ngukumkani wakwaSirayeli, akhupha umkhosi wawo, emfuna. Uthe akuyiva loo nto uDavide wasuka waya kuwahlangabeza.