1 Chronicles 15:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wati kubo: Nina nizintloko zendlu zoyise zaba‐Levi; zingcwaliseni, nina nabazalwana benu, ukuba niyinyuse ityeya kayehova, utixo wo‐Sirayeli, ize endaweni ndiyilungisele yona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi kubo, Niziintloko zezindlu zooyihlo kubaLevi;zingcwaliseni nina nabazalwana benu, ninyuse ityeya kaYehova uThixo kaSirayeli, ize apho ndiyilungiselele khona;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kubo, Iintloko zezindlu zooyise zabaLevi; zihlambululeni nina nabazalwana benu, ukuze niyise ityeya kaYehova, uThixo kaSirayeli, ize endaweni endiyilungisileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathetha nabo wathi: “Nini abaziinkulu zendlu kaLevi. Nina ke nabaLevi bonke zihlambululeni, ukuze nibuyise ityesi kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli, ize endaweni endiyilungiselele yona.