1 Chronicles 15:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Davide wabahlanganisela e‐Yerusaleme o‐Sirayeli bonke, ukuze ityeya kayehova inyuselwe endaweni yayo, leyo ebeyilungisele yona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UDavide wawabizela ndawonye onke amaSirayeli eYerusalem, ukuze ityeya kaYehova inyuswe, isiwe endaweni yayo abeyilungisele yona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide wawahlanganisa onke amaSirayeli eYerusalem ukuba athabathe ityeya kaYehova iyise endaweni yayo awayeyilungiselele yona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide wawaqokelela onke amaSirayeli, wawahlanganisela eJerusalem ukuze kubuyiswe ityesi kaNdikhoyo, iziswe kuloo ndawo wayeyilungiselele yona.