1 Chronicles 16:37 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo washiyela kona, ebusweni betyeya yocebano lukayehova, u‐Safa nabazalwana bake, ukuba bakonze pambi kwetyeya futi, njengendawo yemihla ngemihla;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabashiya apho phambi kwetyeya yomnqophiso kaYehova ooAsafu nabazalwana bakhe, ukuba balugiselele phambi kwetyeya ngamaxesha onke, ngokwento yemini ngangemini yayo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabashiya apho phambi kwetyeya yomnqophiso kaYehova uAsafu nabazalwana bakhe ukuze basebenze rhoqo phambi kweTyeya, ngokomsebenzi wemihla ngemihla;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uDavide wamshiya apho phambi kwetyesi kaNdikhoyo uAsafu namahlakani akhe ukuze basoloko belungiselela ngokweemfuneko zemini nganye.