1 Chronicles 16:42 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nakunye nabo u‐Hemani no‐Jedutune, benamaxilongo nesimbali zibe zezabavakalisayo, nezinto zokuculisa zikatixo. Bati onyana baka‐Jedutune balinda esangweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
benooHeman noYedutun, benamaxilongo, namacangci, abo benza isandi beneempahla zokuvuma zikaThixo; oonyana bakaYedutun bengabamasango.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
baba noHeman noYedutun, bephethe amaxilongo, namaxilongo, abo bakhaphayo, neempahla zikaThixo. Oonyana bakaYedutun bengabamasango.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UHeman noYedutun ngabo ababemiselwe ukuhlokomisa amaxilongo namacangci kananjalo badlale nezinye izikhalisi zeengoma zokudumisa uThixo. Ke bona oonyana bakaYedutun bamiselwa isango.