1 Chronicles 17:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWABEKUTE nxa u‐Davide abehleli endlwini yake, wandula wati u‐Davide ku‐Natane umprofite: Bona ke, mna ndihleli endlwini yesedare, kodwa ityeya yocebano lukayehova ihleli ngapantsi kwezikuselo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku kwathi, xa ahleliyo uDavide endlwini yakhe, wathi uDavide kuNatan umprofeti, Uyabona, mna ndihleli endlwini yemisedare; ke yona ityeya yomnqophiso kaYehova iphantsi kwamalengalenga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi, ehleli endlwini yakhe uDavide, wathi uDavide kuNatan umprofeti, Uyabona, mna ndihleli endlwini yomsedare; ke yona ityeya yomnqophiso kaYehova ihleli phantsi kwezilaphu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuba uDavide ezinzile kwikomkhulu lakhe wathetha *nomshumayeli uNatan, wathi: “Khangela, mna ndihlala kwibhotwe elakhiwe ngamaplanga omsedare, ukanti yona ityesi yomnqophiso *kaNdikhoyo ihlala nje ententeni.”