1 Chronicles 17:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nakuselokwemihla ndabendimisa abagwebi pezu kwabantu bam o‐Sirayeli: nazo zonke intshaba zako ndizitobisile. Kanjako ndiyashumayela kuwe ukuba uyehova wokwakela indlu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kususela kulaa mini ndabamisela abantu bam amaSirayeli abagwebi, ndazithoba zonke iintshaba zakho. Ke ndiyakuxelela ukuba uYehova uya kukwakhela indlu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
kususela kulaa mini ndabamisela abantu bam amaSirayeli abagwebi. Kwaye ndiza kuzoyisa zonke iintshaba zakho. Ngaphezu koko, ndithi kuni, uYehova uya kukwakhela indlu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ukusukela kwimihla endabamisela abantu bam amaSirayeli iinkokheli. Ndiza kuzoyisa zonke iintshaba zakho. “ ‘Nditsho kuwe ukuthi nguNdikhoyo oya kuyizinzisa indlu yakho.