1 Chronicles 17:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo sisipina isizwe sinye emhlabeni esinjengabo abantu bako o‐Sirayeli, owati utixo waya ukubakulula babe ngabantu bake, uze uzenzele igama lobukulu nolwoyikeko, ngokugxota abaheyideni pambi kwabantu bako, owaukulule bona e‐Jipete?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Luluphi na uhlanga ehlabathini apha, olunjengabantu bakho amaSirayeli; awaya kuzikhululela lona uThixo, ukuba lube ngabantu, ukuba akumisele igama ngezenzo ezikhulu nezoyikekayo, ngokugxotha iintlanga phambi kwabantu bakho owabakhululayo eYiputa?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Luluphi na uhlanga ehlabathini apha olunjengohlanga lwakho lukaSirayeli, awalukhululayo uThixo ukuba lube luhlanga lwakhe, ukuze uzenzele igama elikhulu eloyikekayo ngokugxotha iintlanga phambi kwabantu bakho owabakhululayo kubo? Jiphethe?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoobani abanjengabantu bakho amaSirayeli? Kaloku wona asisizwe ekukuphela kwaso ehlabathini esiThixo waso waphumayo waya kuzikhululela abantu bakhe, ukuze uzenzele igama ngezigigaba ezimangalisayo, xa wawuqwakanisa izizwe uzigxotha khon' ukuze endaweni yazo kungene abantu owabakhulula kwelaseJiputa.