1 Chronicles 17:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba wena, Tixo wam! utyilele indlebe yesicaka sako okokuba uya kusakela indlu; ngako oko isicaka sako sifumene entliziyweni yake ukutandaza ebusweni bako.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba wena, Thixo wam, ukutyhilile ezindlebeni zomkhonzi wakho, ukuba uya kumakhela indlu. Ngenxa yoko umkhonzi wakhe ufumene intliziyo yokuthandaza phambi kwakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba wena, Thixo wam, wathi kumkhonzi wakho, Uya kumakhela indlu; ngenxa yoko umkhonzi wakho wayifikelela intliziyo yakhe ukuba athandaze phambi kwakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Wena Thixo wam, usithyilele isicaka sakho ukuba uya kusakhela indlu. Yiyo ke loo nto isicaka sakho sibe nobuganga bokuthandaza kuwe.