1 Chronicles 17:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku, uya kutsho kwisicaka sam, ku‐Davide, ukuti: Utsho uyehova wemikosi ukuti: Mna ndakutabata esibayeni, kwa sekulandeleni igusha, ukuba ube yinkosi pezu kwabantu bam o‐Sirayeli:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ngoko wotsho kuDavide umkhonzi wam, ukuthi, Utsho uYehova wemikhosi, ukuthi, Ndakuthabatha edlelweni mna, ekulandeleni impahla emfutshane, ukuba ube yinganga yabantu bam amaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke uze uthi kumkhonzi wam uDavide, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Mna ndakukhupha esibayeni, ndisemva komhlambi, ukuze ube yinganga yabantu bam amaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ke ngoko, yithi kuDavide isicaka sam: ‘Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: Wena Davide ndakuthatha emadlelweni, ekwaluseni iigusha, ndakwenza umlawuli wabantu bam amaSirayeli.