1 Chronicles 17:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ndandiya kumisela abantu bam o‐Sirayeli indawo, ndibatyale, baze beme endaweni yabo, bangabi sazanyazanyiswa; kanjalo usapo lwobumenemene aluyi kubuya lubasinyise, njengasekuqaleni,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kubamisela indawo abantu bam amaSirayeli, ndibatyale, beme emanxuweni abo, bangabi sagungqa; oonyana bobutshijolo bangabuyi babonakalise, njengamhla mnene;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kubalungisela indawo abantu bam amaSirayeli, ndibaqinise, beme endaweni yabo, bangabi sagungqa; kwaye abantwana bobugwenxa abasayi kuphinda babatshabalalise njengangaphambili;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abantu bam amaSirayeli ndobabonela indawo abaza kuma kuyo, ndibazinzise, babe nendawo yabo, bangabuye babandezelwe nanini. Abantu abakhohlakeleyo abayi kuba sabacinezela njengoko bebesenjenjalo ngaphambili,