1 Chronicles 18:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wandula wamtuma u‐Hadorame unyana wake ukuya kukumkani u‐Davide, ukumbulisa, nokumtamsanqelisa, ngenxa yokuba ebelwile ngakuye u‐Hadarezere wambeta; (ngokuba u‐Hadarezere ebenzile imfazwe no‐Tohu;) watuma nempahla zonke zegolide, nezesilivere, nezexina.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wathuma uHadoram, unyana wakhe, kukumkani uDavide, ukuba ambuze ukuphila kwakhe, amsikelele, ngenxa yokuba ebelwile noHadarezere, wameyisa (ngokuba uTohu wayengumfo obesilwa noHadarezere). Waye uHadoram lowo ephethe neempahla zonke zegolide, nezesilivere, nezobhedu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathumela unyana wakhe uHadoram kuKumkani uDavide ukuba ambuze ukuphila kwakhe nokubulela ngenxa yokuba wayelwe noHadadizere waza wamoyisa; (ngokuba uHadadezere wasilwa neTou) eneempahla zeentlobo ngeentlobo zegolide, isilivere nobhedu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wandulula unyana wakhe uHadoram ukuba ase imibuliso yakhe kukumkani uDavide, avuyisane naye ngokoyisa kwakhe uHadadizere owalwa kaninzi-ninzi nokumkani uToyu. UHadoram waphathela uDavide izipho ezenziwe ngegolide nangesiliva nangobhedu.