1 Chronicles 18:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ezi nazo ukumkani u‐Davide wazenza ngcwele kuyehova, kunye nesilivere negolide abezisusile kuzo zonke intlanga: kuwo ama‐Edome, nakuwo ama‐Mowabi, nakulo usapo luka‐Hamoni, nakuwo ama‐Filistiya, nakuwo ama‐Amaleki.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukumkani uDavide wazingcwalisela kuYehova kananjalo ezo, kunye nesilivere negolide abeyithabathile ezintlangeni zonke, kumaEdom, nakumaMowabhi, nakoonyana baka-Amon, nakumaFilisti, nakuma-Amaleki.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kananjalo ukumkani uDavide wanyula uYehova, kunye nesilivere negolide abeyithabathe kuzo zonke ezo ntlanga; kumaEdom, nakuMowabhi, nakoonyana baka-Amon, nakumaFilisti, nakuAmaleki.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ezo zipho ke uDavide wazinikezela kuNdikhoyo, kwanjengoko wenjenjalo ngesiliva negolide awayeyithimbe kuzo zonke ezi zizwe: amaEdom, amaMowabhi, ama-Amon, amaFilistiya, nama-Amaleki.