1 Chronicles 18:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wazibeka ilali e‐Edome; ada onke ama‐Edome aba ngabakonzi ku‐Davide. Kwa njalo uyehova wamnceda u‐Davide apo kusukuba ebesiya kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wamisa ikampu kwelamaEdom; aba ngabakhonzi kuDavide onke amaEdom. UYehova wamsindisa uDavide ezindaweni zonke awahamba kuzo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wamisa abalindi kwaEdom; yaye onke amaEdom aba ngabakhonzi bakaDavide. Ngoko uYehova wamkhusela uDavide naphi na apho wayesiya khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wamisa amabutho akhe e-Edom, aza amaEdom aba phantsi koDavide. UNdikhoyo wamnika uloyiso uDavide konke apho ahamba khona.