1 Chronicles 18:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Davide wabeta u‐Hadarezere, ukumkani we‐Tsoba, kwada kwase‐Hamati, ekuhambeni kwake ukuya kumisa amandla ake ngasemlanjeni wom‐Ferate.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UDavide wamxabela uHadarezere, ukumkani weTsobha, eHamati, ekuyeni kwakhe ukuwamisa amandla akhe emlanjeni ongumEfrati.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide wambulala uHadadezere, ukumkani waseTsobha, wada wesa eHamati, ekuyeni kwakhe ukubuzinzisa ubukumkani bakhe emlanjeni ongumEfrati.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kananjalo uDavide walwa nokumkani waseZobha uHadadizere, wamoyisa, wamsukelisa, waya kumfaka eHamati, xa kanye wayezama ukumilisela ulawulo lwakhe kummandla womlambo iEfrati.