1 Chronicles 18:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Davide watimba kuye iwaka lenqwelwana, namawaka asixe̔nxe abakweli bamahashe, namawaka angamashumi mabini abahamba ngenyawo: waza u‐Davide wawasika umbotshwa onke amahashe enqwelwana; kodwa wasalisa kuwo a wenqwelwana zalikulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UDavide wazithimbela iwaka leenqwelo zokulwa, namawaka asixhenxe abamahashe, namashumi omabini amawaka angumqikela.UDavide wawanqumla imisipha onke amahashe eenqwelo zokulwa, washiya kuwo aweenqwelo alikhulu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide wathimba iwaka leenqwelo zokulwa, namawaka asixhenxe abamahashe, namashumi amabini amawaka omqikela;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UDavide wathimba iwaka leenqwelo zakhe, kunye namawaka asixhenxe abakhweli-mahashe, ngokunjalo namashumi amabini amawaka amajoni ahamba ngeenyawo. Amahashe ke wawanqumla imisipha, washiya amahashe eenqwelo alikhulu.