1 Chronicles 18:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Davide wazibeka ilali e‐Siriya yase‐Damakusi; ati ama‐Siriya aba ngabakonzi ku‐Davide, asa iminikelo. Kwa njalo uyehova wamnceda u‐Davide apo kusukuba ebesiya kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UDavide wamisa ikampu kwa-Aram-damasko. Ama-Aram aba ngabakhonzi kuDavide, azisa iminikelo. UYehova wamsindisa uDavide ezindaweni zonke awahamba kuzo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uDavide wamisa abalindi kwa-Aram; yaye amaSiriya aba ngabakhonzi bakaDavide abazisa izipho kuwo. Ngoko uYehova wamkhusela uDavide naphi na apho wayesiya khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wasuka ke wabeka amabutho akhe kuwo wonke umbuso wama-Aram aseDamasko, ahlala ephantsi kwakhe, akhupha imirhumo kuye. UDavide wanikwa uloyiso nguNdikhoyo apho konke ahamba khona.