1 Chronicles 19:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wati u‐Jowabi, akubona ukuba ubuso bokulwa bungakuye, ngapambili nangasemva, wanyula abantu kubo bonke abanyuliweyo bakwa‐Sirayeli, wabacwangcisa ngakuwo ama‐Siriya:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabona uYowabhi ukuba imfazwe ibheke kuye, ngaphambili nangasemva; wanyula emadodeni onke ahleliweyo kwaSirayeli, wakha uluhlu malunga nama-Aram.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabona uYowabhi ukuba imfazwe ingxamele kuye, ngaphambili nangasemva;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uJowabhi wabona ukuba uphahlwe ngumkhosi ngaphambili nangasemva. Ngoko ke wakhetha awona mabutho aphambili kwaSirayeli, wawamisa ajongana nama-Aram.