1 Chronicles 19:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti: Ukuba ama‐Siriya anamandla pezu kwam, woza ukunceda mna; kodwa ukuba usapo luka‐Hamoni lunamandla pezu kwako, sendiya kunceda wena.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Ukuba ama-Aram athe andeyisa, wondisiza; ukuba bathe oonyana baka-Amon bakweyisa,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Xa athe andifumana ama-Aram, wondinceda; kodwa ukuba oonyana baka-Amoni bomelele kunawe, ndiya kukunceda mna.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJowabhi wathi: “Ukuba athe andongamela ama-Aram la, kofuneka uze kundihlangula; ukanti ke xa ethe akongamela ama-Amon, nam ndoza kukuhlangula.