1 Chronicles 19:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wasondela u‐Jowabi, nabantu abebenaye, ebusweni bama‐Siriya, kuze kuliwe; ada esaba pambi kwake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wafika uYowabhi nabantu ababenaye, wema phambi kwama-Aram, eza kulwa; asaba ebusweni bakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Weza uYowabhi namadoda abenaye kuma-Aram emfazweni; asaba ebusweni bakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UJowabhi namabutho akhe wafunza kuwo ama-Aram, aza wona abaleka.