1 Chronicles 19:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwati lwakubona usapo luka‐Hamoni ukuba ama‐Siriya esabile, lwesaba nalo pambi kwo‐Abishai umninawe wake, lwangena esixekweni. Wandula u‐Jowabi weza e‐Yerusaleme.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Babona oonyana baka-Amon ukuba asabile ama-Aram, basaba nabo ebusweni buka-Abhishayi umninawa wakhe, bangena ekhaya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa oonyana baka-Amoni babona ukuba ama-Aram asabile, nabo basaba phambi koAbhishayi umntakwabo baza bangena esixekweni. Wafika uYowabhi eYerusalem.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Athe ke ama-Amon akubona ama-Aram ebaleka, asuka nawo abaleka angena ngaphakathi esixekweni, esaba kuAbhishayi umntakwabo-Jowabhi. Ngoko ke uJowabhi wajika waya eJerusalem nomkhosi wakhe.