1 Chronicles 19:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwati kwakuxelwa ku‐Davide, wahlanganisa onke ama‐Sirayeli, wawela i‐Yoredane, weza pezu kwawo, wacwangcisa ngakuwo. Xeshekweni u‐Davide abecwangcisile ngakuwo ama‐Siriya, aza alwa naye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwaxelwa kuDavide; wahlanganisa amaSirayeli onke, wayiwela iYordan, waya kuwo, wakha uluhlu ukuba alwe nawo. UDavide walwakha uluhlu, esiya kuwahlangabeza ama-Aram ukuba alwe nawo;alwa ke naye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waxelelwa uDavide; wawahlanganisa onke amaSirayeli, wayiwela iYordan, wawaxabela, walwa nawo. Xa uDavide wawaxabelayo ama-Aram, aza amhlasela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuluva olo daba uDavide wawuqokelela wonke umkhosi wakwaSirayeli, wawela nawo umlambo iJordan. Wathi ngqo kuwo, waza wakha uhlelo lwakhe ejongene nawo. Ewe, uDavide walwakha uhlelo lwakhe lwangqalana nama-Aram, zaza ke zanqoza.