1 Chronicles 19:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ama‐Siriya esaba pambi kwama‐Sirayeli; waza u‐Davide wabulala kuwo ama‐Siriya amadoda enqwelwana ezingamawaka asixe̔nxe, namadoda ahambayo ngenyawo angamawaka amashumi mane; wamfisa no‐Shofaki inkosi yempi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Asaba ama-Aram ebusweni bamaSirayeli; uDavide wabulala kuma-Aram amawaka asixhene abeenqwelo zokulwa, namashumi amane amawaka amadoda angumqikela, wabulala noShofaki, umthetheli womkhosi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Asaba ke ama-Aram phambi koonyana bakaSirayeli; uDavide wabulala kuma-Aram amawaka asixhenxe abaqhubi beenqwelo zokulwa, namashumi amane amawaka omqikela, waxabela noSofage, umthetheli womkhosi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke ama-Aram aswantsuliswa ngamaSirayeli, waza uDavide wabulala isixhenxe samawaka amajoni eenqwelo, kunye namashumi amane amawaka amajoni ahamba ngeenyawo. Kananjalo wayibulala nenjengele yomkhosi wawo uShofaki.