1 Chronicles 19:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wati u‐Davide: Ndiya kwenza ububele ku‐Hanune unyana ka‐Nahashe, ngokuba uyise ebesenza ububele kum. Waza u‐Davide wasusa izigidimi ukuya kumku̔za ngaye uyise wake. Zada zafika izicaka zika‐Davide elizweni losapo luka‐Hamoni ku‐Hanune, ukuza kumku̔za.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke uDavide, Mandimenzele inceba uHanun unyana kaNahashe, njengokuba noyise wandenzela inceba. Wathumela uDavide abathunywa bokumkhuza ngaye uyise. Beza ke abakhonzi bakaDavide ezweni loonyana baka-Amon kuHanun, ukuba bamkhuze.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uDavide, Mandimenzele inceba uHanun unyana kaNahashe, njengokuba noyise wandenzela inceba. uDavide wathumela abathunywa ukuba baye kumthuthuzela ngenxa kayise. Bafika abakhonzi bakaDavide ezweni loonyana baka-Amon, uHanun, ukuba bamthuthuzele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke uDavide wathi: “Mandimenzele ububele uHanun, unyana kaNahashe, kuba uyise wandenzela ububele.” Wathumela izigidimi ke uDavide ukuba ziye kukhuza ukumkani uHanun ngenxa kayise. Athe ke loo madoda akufika kuHanun kwelama-Amon, eze kumkhuza,