1 Chronicles 19:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko inkosana zosapo luka‐Hamoni zati ku‐Hanune: u‐Davide uyambeka na uyihlo emehlweni ako, ngokuba ebatumele kuwe abaku̔zi? akungenxa yokuba kupengululwe, kucitwe, kuhlolwe ilizwe, ukuba izicaka zake zifikile kuwe kusinina?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi abathetheli boonyana baka-Amon kuHanun, Ucinga ukuba uDavide uzukisa uyihlo na emehlweni akho, ngokuba ethume abakhuzi kuwe? Abakhonzi bakhe abeze kuwe na ukuze baligocagoce, balibhukuqe, balihlole ilizwe?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi abathetheli boonyana baka-Amon kuHanun, na wena ukuthi, Uyamhlonela na uyihlo uDavide, oko ethume abakhuzi kuwe? Abakhonzi bakhe abeze kuni na, ukuba balihlole ilizwe, ukuba balibhukuqe, balihlole?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
zasuka izikhulu zama-Amon zathi kuHanun: “Ucinga ukuba ngaba uDavide lo unika imbeko kuyihlo ngokuthumela la madoda kuwe esithi eze kukukhuza? Ayikho loo nto! La madoda ngoongcothoza; eze kuhlola eli lizwe ukuze akwazi ukulibhukuqa.”