1 Chronicles 19:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako u‐Hanune watabata izicaka zika‐Davide, waziguya, wazitsheca izivato zazo ngokuziqingatisa ematangeni, wazindulula.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabathabatha uHanun abakhonzi bakaDavide, wabaguya, wazicanda phakathi iingubo zawo ezinde, wada waya kuma ngemisekela; wabandulula ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko uHanun wabathabatha abakhonzi bakaDavide waza wabacheba waza wasika izambatho zabo waza wanqunqa phakathi ukuya ngasemva waza wabandulula.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UHanun wasuka wawabamba loo madoda kaDavide, wawagugula iindevu, nezambatho zawo wazigumpula embindini kwaya kuthi xhaxhe ezimpundwini, waza ke wawandulula.