1 Chronicles 19:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza baya abatile bamxelela u‐Davide ngalamadoda. Wandula watuma ukuwakaulela: ngokuba amadoda lawo ebehlazisiwe kakulu. Wayesiti ukumkani: Hlalani e‐Jeriko, zide zikule indevu zenu, nandule nibuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bahamba, bamxelela uDavide okwenziwe kuloo madoda.Wathumela bawakhawulela; ngokuba amadoda lawo ayehlazisiwe kunene. Wathi ukumkani, Hlalani eYeriko zide zihlume iindevu zenu, nandule ukubuya ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwahamba abantu, bamxelela uDavide okwenziwe kuloo madoda. Wathumela ukuba ahlangatyezwe, kuba loo madoda ayehlazekile kakhulu. Wathi ukumkani, Hlalani eYeriko zide zihlume iindevu zenu, nandule ukubuya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uthe ke uDavide akuxelelwa ngoko kwenzekileyo kula madoda, wathumela izigidimi, zawahlangabeza, kuba kaloku ayehlaziswe gqitha. Ukumkani wathi: “Hlalani eJeriko, ningabuyi de zikhule iindevu.”